UKUPHILA NGONAPHAKADE
UKUTYA NGENDLELA ENEMPILO
IMPILO YAKHO ISEZANDLENI ZAKHO
Incwadana yesi-2
INTSHAYELELO
Zininzi izifo ezizithatha ngofuzo kubazali bethu nakookhokho bethu. Kuncinane kakhulu de kuphantse kungabikho nto sinokuyenza ukuthintela ezi zifo.
Kodwa ke noxa kunjalo, kukho izifo esizifumana ngenxa yendlela esiphila ngayo.
Ukuba:
 asiyikhathalelanga imizimba yethu singazifumana ezi zifo.
Ezi zibizwa njengezifo zendlela umntu aphila ngayo.
Le ncwadana inika inkcukacha zolwazi malunga nezinye zezinto onokuzenza ukukhusela ezi zifo.
Khumbula ukuba ngumzimba wakho. Impilo yakho isezandleni zakho. Ngoko ke zikhathalele.
Le ncwadana engokutya ngendlela enempilo yenye yothotho lweencwadana eziqulethe ulwazi.
Ezinye iincwadana kolu thotho zezi:
 Ukusoloko ndizivulele ingqondo ezesondo
Ukutya kubalulekile ebomini bempilo yomntu.
Ukutya kukwenza ukuba ubomi bonwabeleke. Cinga indlela thina neentsapho zethu esikonwabela ngayo ukutya okumnandi; nangendlela loo matheko angabi mnandi xa ukutya kungemnandanga.
Noxa sikonwabela ukutya, kubalulekile ukuba sidle ngobulumko. Funda le ncwadana ukufumanisa ukuba kutheni kubaluluke kanga nje ukutya nokuba kukuphi kunganani na ukutya ekufuneka sikudlile.
DUDU
Gqibani isidudu nobisi lwenu bantwana ...
lixesha lokuya esikolweni ngoku
Ukutya okulungileyo kwenza kunceda ekuthini nifunde kakuhle
Ingqondo nemizimba yabantwana abasakhulayo zifuna izixa ezifanelekileyo zokutya mihla le ukuze bakhule ngokufanelekileyo
Dudu, kwenzeka njani ukuba isilwanyana esikhulu kangaka sifumane zonke iimfuno zokutya kwaso ngokutya ingca nje kuphela?
Uyabona Rachel, umzimba womntu usebenza ngendlela eyohlukileyo ... sifuna isondlo esinempilo sentlobontlobo zokutya ukuze sibe nempilo kwaye somelele
Ngena uzophunga iti, Dudu...kunye nekeyiki emnandi ethengwe ngudade'thu edolophini asebenza kuyo
Ezi ziifoto zosapho... ngudade'thu lowa...uthanda iiswiti kakhulu, izinto ezineswekile
Enkosi, isuntswana nje elincinci lekeyiki
Uyabonakala uRachel... ukhangeleka etyebe kakhulu... ukutya okuneswekile kakhulu nokucolwe kakhulu kwenza umntu atyebe
Kodwa ulwazi lwethu lokutya emasikutye lungasinceda ekuthinteleni le ngozi nokwehlisa ubunzima bemizimba yethu ngokukhetha ukutya okufanelekileyo kwanomlinganiselo ofanelekileyo wokutya esikutyayo
Le yimifanekiso exhonyiweyo yesoka / ibhola ekhatywayo yonyana wam. Ngumxhasi omkhulu weBafana Bafana!
Apha kukho umahluko... aba Bantu bashukumisa imizimba ngolu hlobo bafuna isondlo esahlukileyo kwesika dade'nu osebenza e-ofisini yena
KUNGANI KUBALULEKILE NJE UKUTYA?
NdinguDudu igama lam. Kule ncwadana sithetha ngokutya ngendlela enempilo. Ukutya yiloo nto uyityayo okanye oyiselayo ukuze uhlale uphilile. Kufuneka udle ukutya okufanelekileyo ukuze ube sempilweni, usebenze kakuhle nokuze uphile ixesha elide.
Konke ukutya kunezinto ezimbini ezisigcina siphilile: amadla nezondlo zomzimba/izakha- mzimba.
 Imoto kufuneka ibe nepetroli ukuze ihambe. Kwangale ndlela inye, ukutya kunika umzimba wakho amandla okukwazi ukuba ushukume wenze izinto ofuna ukuzenza.
Iindidi ngeendidi zezakha-mzimba zinamagama ohlukileyo kwaye zenza izinto ezingafaniyo emzimbeni wakho. Izakha-mzimba ezakha umzimba wakho kwaye ziwugcine womelele zibizwa ngokuba ziiproteni. Izakha-mzimba ezikukhusela ekuguleni zibizwa ngokuba ziivithamini neeminerali.
Iindidi zonke zokutya azinamlinganiselo wamandla nezakha-mzima ezifanayo.
Oku kutya kuneqela lezakha- mzimba, ivithamini neeminerali, ezikhuselayo.
Khumbula ukuhlamba iziqhamo nemifuno yakho phambi kokuba uyitye.
Izidlo ezilapha ngasentla zinika amandla agqithileyo. Ezinye izidlo ezikolu luhlu ngamantongomane neelentili.
Yintoni isondlo esinempilo?
Isondlo sakho koko kutya ukutya imihla ngemihla. Ukuze ufumane zonke izakha-mzimba kunye namandla owadingayo, kufuneka utye intlobo-ntlobo (iindidi ezininzi) zokutya yonke imihla. Ukufumana isondlo esinempilo, yengeza ekutyeni kwakho kwisidlo ngasinye, ukutya okunye okanye ngaphezulu kwezo zidlo zizizakha-mzimba nesinye okanye ezibini kwezo zizizikhuseli. Zama ukukhetha into engumahluko ngalo lonke ixesha.
Kufuneka utye izidlo ezibini okanye ezithathu ngemini. Esinye sezi zidlo kufuneka sibe kusasa. Abantwana ingakumbi, badinga ukuba bafumane into yokutya phambi kokuba baye esikolweni. Khumbula ukuba abantwana basoloko befuna ukutya phakathi kwezidlo kuba izisu zabo zincinane kwaye abanakutya ukutya okuninzi ngexesha elinye.
Izidlo zekhaya zisilungele isidlo esinempilo. Enyanisweni, ukutya kwemveli okwakutyiwa ngookhokho bakho (okusadliwayo nanamhl'oku luninzi lwabantu) sesona sondlo sinempilo.
Izidlo ezilungileyo ozitya phantse yonke imihla, izidlo ezifana nombona, irayisi, amabele, isonka, iitapile zibizwa ngokuba zizigxina zokutya. Ezi zidlo zikunika amandla kunye nezakha- mzimba kwanezikhuseli ezithile. Ezi zidlo ziyahluthisa. Kuba zintlakekile ( azicolwanga), zinokuntlakeka okufanelekileyo kwimpilo yakho.
Ngelishwa uninzi lwabantu luyayibala indlela ezilunge ngayo izidlo zabo zemveli. Aba bantu bakholisa ukuyeka ukutya ukutya kwabo okukokona kona, ngakumbi nje ukuba bakwazi ukufikelela koko kubizayo. Ngenxa yesi sizathu kuyenzeka ukuba isondlo sabo singabisiso esinempilo.
Izinongo neziqholo
Abantu bengeza izinongo neziqholo (njengekhari, ityuwa ezinonga ukutya, ipelepele, iswekile) kunokutya okwenza ukuba bakuve kumnandi emlonyeni. Inkoliso yezi zinongo neziqholo azinazo kwazakha-mzimba. Nangona umzimba wakho ufuna ityuwa, udinga nje encinane kakhulu ngemini. Zama ukungakusebenzisi ukutya okunetyuwa kakhulu okunje ngephayi neetships.
Amashwam-shwam kukutya okudliwa phakathi kwezidlo. Ukufumana amashwam-shwam phakathi kwezidlo kugcina umzimba wakho usebenza kakuhle imini yonke. Abantwana kufuneka bafumane amashwam-shwam phakathi kwezidlo. Ukufumana ezo ntwanantwana kubalulekile kodwa kufuneka ushwamze ngohlobo lokutya olufanelekileyo. Abantu abaninzi bathanda ukushwamza ngeetships, iiswiti, itshokolethi, iziselo ezihlwahlwazayo, iikeyiki, iibhisikithi, iti nekofu. Zonke ziyabiza emalini. Ngexesha lokushwamza,
 yipha umntwana wakho ukutya okufana nesonka esinepinathi bhata nejem., iziqhamo nento yokusela efana namanzi, ijusi, okanye ubisi.
 khuthaza umntwana wakho ukuba athenge iziqhamo kuphela kubathengisi basecaleni kwendlela.
Tyela ukuhlangabezana nezidingo zakho
Malunga neziqingatha ezibini ezilinganayo kwisithathu, sobunzima bomzimba womntu senziwe ngamanzi, kwaye zonke izihlunu nemisipha yomzimba zinamanzi.
Amanzi awanazakha-mzimba zingakanani ezifana nezo zifunyanwa kwiindidi zokutya, kodwa ayafuneka empilweni.
Amanzi abaluleke kakhulu empilweni yakho
Enyanisweni, zonke izidalwa eziphilayo nezilwanyana ngokunjalo, nezityalo, zidinga amanzi. Imisebenzi ebalulekileyo yamanzi kuku:
 ncedisa umzimba ekukhupheni ukungcola.
Kuyimfuneko ukuba umntu asele iigilasi zamanzi ezintandathu ngemini, ubuncinane ngemini ukuqinisekisa ukuba umzimba wakho unamanzi awaneleyo. Umzimba wakho ulahlekelwa ngamanzi amaninzi xa kushushu, oku kwenzeka ngokubila nangokuchama. Ngeemini ezishushu uziva unxanwa (ufuna ukusela) rhoqo kuba umzimba wakho awunamanzi eneleyo.
Impilo yethu ixhomekeke ekutyeni esikutyayo. Isondlo esinempilo sakukunika amandla awaneleyo nezinye izakha-mzimba ezikhulisayo, ezigcina umzimba uphilile nezinika amandla okusebenza, ukutyala nokwenza izinto ofuna ukuzenza.
Abantu badinga amandla amaninzi kakhulu
Aba abantu bona badinga amandla amancinci / angephi
Ngowuphi owona mlinganiselo wokutya "okunamandla' ulungele ukuba ukudle?
Makhe sijonge umlinganiselo wokutya ofanele ukuba uwitye. Ubungakanani bokutya obutyayo, (ngakumbi obokutya obunamandla angaphaya kubo), buya kuxhomekeka kwiimfuno zakho. Iindidi ngeendidi zabantu zidinga imilinganiselo eyahlukeneyo yokutya.
Umntwana udla umlinganiselo ofanelekileyo wokutya okunamandla xa ehleli kwizinga elifanelekileyo lobunzima.
Thetha nomongikazi waseklinikhi ukuze akuncede ekuboniseni ubunzima bomzimba wako obububo.
Umntu omdala udla umlinganiselo ofanelekileyo wokutya okunamandla xa ehleli kubunzima bomzimba wakhe ofanelekileyo.
Umntu odla kakhulu izidlo ezinika amandla uya kumbona ngokuhlala kubunzima bomazimba wakhe obufanelekileyo. Thetha nonesi wakho waseklinikhi ukuze akuncede ekuboneni ubunzima bomzimba wakho obufanelekileyo.
Xa umntu esitya kakhulu ukutya okunamandla , ngaphezu kokuba ekudinga, oko kutya okungasetyenziswanga kuya kugcinwa njengamafutha emzimbeni wakhe. Lo mntu uya kuya eba mkhulu ngokomzimba. Umntu onobunzima bomzimba obungaphaya uya ngumntu onamafutha agqithisleyo emzimbeni wakhe, Umntu odla odla ukutya okunamandla amancinnane kunalawo awadingayo, buya kuhla ubunzima bakhe kuba umzimba wake uya uya kusebenzisa nawaphi na amafutha onokuwafumana ukuzuza amandla.
Kufuneka ube nesondlo esinempilo kwaye kufuneka udle ukutya okwaneleyo ukuhlangabezana neemfuno zenu ngabanye ngabanye. 9
Isondlo esingenampilo siya kukwenza ukuba ungabinampilo nawe
Imizekelo yesondlo esingenampilo yile:
Ukungatyi iintlobontlobo zokutya yonke imihla
Ukutsiba isi/izodlo okanye ukutya kanye ngemini
Ukutya ukutya okungaphaya koko kufunwa ngumzimba wakho
Ukutya ukutya okucolekileyo endaweni yokutya okutsha nokukokwendalo
ABANTU ABANOBUNZIMA BOMZIMBA OBUGQITHISILEYO
Baninzi abantu ababukhulu bemizimba yabo ingaphaya kungoku nje, kunangaphambili kuba abantu abaninzi batshintshe indlela yabo yokuphila nendlela abatya ngayo:
Abantu badla ukutya kunamafutha anje ngeetshipsi endaweni yophuthu ngexesha lesidlo sasemini. kwezinye iinkantini zeempani, abasebenzi banokukhetha phakathi kokuthenga ukutya kwaseNtshona okanye ukutya kwemveli okufana nepapa okanye isidudu, umngqusho, amadumbe, njalonjalo
Abantu bakholisa ukugcada ukutya kwabo ngamafutha endaweni yokukubilisa kuba ukugcada kulula kwaye kuyakhawuleza
Abantu batya rhoqo amashwamshwam anika amandla amaninzi njengetshokolethu neetshipsi
Abanye abantu basela utywala kakhulu
Abantu abayishukumisi ngokwaneleyo imizimba yabo
Abanye abantu badla ukutya okuninzi kakhulu kwisidlo ngasinye okanye amashwamshwam amaninzi angafanelekanga phakathi kwamaxesha okutya
Kungani ukuba mkhulu kuyinto engekho mpilweni?
Abantu abakhulu banamafutha amaninzi emizimbeni yabo. Kulula ukuba babe neengxaki zempilo kunabantu abangabakhulwanga. Ezona zifo zixhaphakileyo kubantu abakhulu zezi:
isifo sentliziyo
ukushwabana / ukufa komzimba
uxinzelelo lwegazi
isifo seswekile
isifo sesigaqa esisesingxotyeni senyongo
iinkathazo zomqolo namalungu abuhlungu
iinkathazo zometyiso
Ezi ngxaki zempilo zinokwenza ukuba abantu babe nobulima emzimbeni okanye bafe besebatsha. Asiyonto intle ukuba nobunzima obungaphaya, njengoko nibona.
AMACEBO OKWEHLISA UBUNZIMA BOMZIMBA
Eyona ndlela ingcono yokohlisa ubunzima bomzimba kukuqeqesha umzimba ngentshukumo nokutya izidlo ezinempilo.
Yitya kakhulu ukutya okuntlakekileyo okunje ngesonka sengqolowa, ihabile, iimbotyi, iilentile, iziqhamo nemifuno.
Oku kutya kuya kukunceda ekunqandeni iphango.
Yitya izidlo ezithathu ngosuku. Qala imini nganye ngesidlo sakusasa. Xa uqakathe isidlo, uyalamba ze ufune ukutya kakhulu ngexesha elilandelayo.
Abantu abaninzi baya kubuhlisa ubunzima bemizimba yabo xa benokutya izixa zokutya okuncinane.
Cothisa xa usitya kwaye ukuhlafunusise ukutya kwakho
Yitya izixa ezincinci zokutya ngexesha uyeke xa uziva uhluthi.
Ukuba usela amanzi amaninzi phakathi kwezidlo, awuyi kulamba ngokukhawuleza.
Ukusela utywala kwenza ukuba utyebe ngomzimba.
Khuthala ngokushukumisa umzimba kangangoko!
Ezi zezinye zezidlo ezinika amandla ofanele ukuba uzidle/ uzisele kancinci. Zezi:
Iswekile: Lumkela ukusebenzisa iswekile eninzi ekofini, etini esidudwini. Yiya kancinci eziswitini, iziselo, ubusi, iikeyiki neepudingi.
Ukutya okucolekileyo: Kutye kancinci ukutya okucolekileyo okufana nesonka esimhlophe, irayisi emhlophe, umgubo wesonka omhlophe, inyama enkonkxiweyo nenye enje ngepoloni. Oku kutya kunezinga eliphezulu lamandla kwaye lunezakha-mzimba nezintlakisi ezimbalwa kakhulu.
Amafutha nee-oyile: Amafutha nee-oyile zinezinga eliphezulu lamandla ngoko ke kufanele ukuba zityiwe kancinci kakhulu. Imizekelo yoku kutya yibhotolo amafutha ehagu, itshizi enocwambu olunamafutha amanizi, imajarini, ucwambu olunamafutha, i-oyile, inyama etyebileyo, itshiphsi ezenziwe ngeetapile, isoseji. Mayibe ncinci i-oyile yemifuno oyisebenzisayo, xa uthe wayisebenzisa xa upheka. Susa amanqathe enyameni ususe isikhumba enyameni yenkukhu phambi kokuba uyipheke (ubuninzi bamafutha buphantsi kwesikhumba). Sebenzisa ubisi olunamafutha amancinci endaweni yolo lunamafutha amaninzi.
Iziselo ezibutywala nebhiya: zama ukungasondeli nokusondela kwezi ukuba unokunceda. Ukuba ke awunakuzibamba ekuseleni, zama ukuya kancinci.
Unganceda?
Dudu othandekayo
Ndinengxaki nobunzima bomzimba wam. Ndityebe kakhulu kwaye nogqirha undixelele ukuba kufuneka ndehlise ubunzima bomzimba wam.
Omnye umhlobo wam ucebise ngelithi ukusela iglasi yamanzi ashushu anejusi yelamuni, qho kusasa, kungandinceda ekwehliseni ubunzima bomzimba wam. Ndiyakwenza oku kodwa andiboni mahluko.
Inye indlela ongancedakala ngayo, kukutya kancinci, ingakumbi ukutya okunamandla, ukuqeqesha umzimba wakho ngentshukumo, nokuzibamba ekutyeni okunje ngeswekile, ukutya okucolekileyo, utywala, I-oyile namafutha.
Khumbula ukuba unobangela wokuba umzimba wakho utyebe kukuba ubusitya ngaphezu kokuba umzimba wakho udinga, ngakumbi ukutya okunamandla amaninzi. Igilasi yamanzi enejusi yelamuni, ngeke ikuncede nje kwaphela. Enyanisweni akukho pilisi, sitofu, isithambiso okanye ummangaliso othile onokususa amafutha emzimbeni.
Ndikuxelele Henry, eyona nto ingcono kukutya isondlo esinempilo. Yahlukana nokutya okunamandla, yitya kakhulu iziqhamo nemifuno, mus'ukutya phakathi kwamaxesha ezidlo, shukumisa umzimba wakho rhoqo. Ngokuqinisekileyo uya kubehlisa ubunzima bomzimba wakho ngolu hlobo.
Dudu
Thina Dudu?
Dudu othandekayo
Ngenye imini ndiye kwagqirha. Uthe ndinoxinzelelo lwegazi. Undixelele ukuba olu xinzelelo lungehla xa ndinokwehlisa ubunzima bomzimba wam.
Ndingatya ntoni ukwehlisa ubunzima bomzimba wam?
Okhathazekileyo
Mhlobo okhathazekileyo
Uxinzelelo lwegazi, njengesifo sentliziyo, nezinye izifo ezihambelena nendlela umntu aphila ngayo njengesifo seswekile, zikholisa ukuba ziziphumo zoku:
ukuba mkhulu ngokugqithisileyo ngenxa yokutya ukutya okungafanelekanga nokugqithiseleyo koko umzimba wakho ukufunayo
ukutya ukutya okungenampilo
ukungashukumisi mzimba.
Kuza kufuneka utye kancinci, ingakumbi ukutya okunamandla amaninzi. Qinisekisa ukuba udla isondlo esinempilo. Ngamanye amazwi, kufuneka utye ukutya okunezinga eliphezulu lezakha-mzimba, njengentlanzi neembotyi, nokunezakha-mzimba ezikhusela kakhulu, njengemifuno neziqhamo. Yidla izixa ezincinci zokutya.
Lumkela ukutya okunje ngeswekile, ukutya okucolekileyo, amafutha nee-oyile, ibhiya notywala.
Xa usitya inyama khumbula uku-:
susa amanqathe enyameni ebomvu
yitya intlanzi ikakhulu, inyama uyitye kancinci
Qinisekisa ukuba usebenzisa ityuwa encinci ekutyeni kwakho kuba ityuwa eninzi iyingoze empilweni yakho. Kukwabalulekile ukuqeqesha umzimba wakho ngentshukumo, noko kezama iindlela zokuwushukumisa ngenkuthalo. Hamba ngokukhawulezayo kusuku lwesibini ngalunye, ixesha elingangesiqingatha seyure.
Dudu 15
Imisebenzi yabantu abancinci
Biyela izidlo ezikukutya okunamandla kulo mfanekiso.
Ziziphi:
Izakha-mzimba ezizizikhuseli ( iivithamini neeminerali)?
Biyela ukutya okunezintlakisi.
Ukuxabisa isondlo
Jonga le nto ityiwa ngulo mfazi.
Yintoni engalunganga ngesidlo sakhe?
Zobela lo mfazi umfanekiso wesidlo esinempilo esimfaneleyo nesakumnceda ukuba ehlise ubunzima bomzimba wakhe.
Dibana nabahlobo bakho. Cwangcisani izidlo ezinempilo.
Yabelanani ngezimvo zenu.
ULWAZI OLUNGAPHAYA MALUNGA NEZONDLO EZINEMPILO
IIGADI ZOKUTYA
Iziqhamo nemifuno ziyinxaleye yokubalulekileyo kwisondlo sakho, kutheni ke ungazityaleli ezakho? Ijelo lomsele okanye igadi engangocango inkokuba yeyona kulula ukuyiphatha ngokunokwakho. Landela amanyathelo akweli phepha ze uzame ukuzityalela uzikhulisele ukutya kwakho. Ukuba unnengxaki neyaluphi na uhlobo, cela isikolo esikwingingqi yakho ukuba sikuncede.
Qokolela umthwalo wenkunkuma efana nemiphezulu yemifuno, amaxolo, imipha yombona, iintyatyambo ezifileyo nezinye iintsalela zezityalo, amakhoba amaqanda, amathambo kunye nomgquba wasebuhlanti/ esibayeni.
Ungakhe usebenzise iintsalela zenyama, iplastikhi, iglasi okanye uthuthu lwamalahle.
Linganisa ibhedi yokutyala engangocango. Ungayilinganisa ngobubanzi bomhlakulo, nangobude bemilakulo emibini.
Yimba le bhedi yokutyal ibe bubunzulu obumalunga neesentimitha ezingama-45 (ubunzulu obungagedolo). Gcina umhlaba wangaphezulu omnyama ungawudibanisi nalowo ungaphantsi.
Zalisa isiqingatha sale bhedi yokutyala ngenkunkuma oyiqokoleleyo. Kufuneka yonke yaphulwe ibe ngamasuncwana amancinane phambi kokuba isetyenziswe.
Fumisa le nkunkuma. Inkunkuma efumileyo yahluka ibe sisondlo somhlaba ngokukhawuleza kunaleyo yomileyo.
Kufuneka ucoleke umhlaba ongaphezulu, ungabi namatye okanye amaqhuma. Umngxuma ovaliweyo ma ube nomphakamo omalunga ne-15 leesentimitha ukusuka emhlabeni.
Unako ke ngoku ukutyala imbewu yakho egadini yakho kwimiqolo enqamleze ibhedi yokutyala.
Yityale ngenkathalo imbewu. Ma ingasondelelani enye nenye.Zogqume ngomhlaba omncinci, ocolekileyo ze uwucinezele lo mhlaba ngocoselelo.
Nkcenkceshela igadi yakho yonke imihla kwiintsuku zokuqala ezilishumi.
Suka izithole egadini yakho xa zimalunga neesentimitha ezili-10 ubude.
Qinisekisa ukuba unengca eyomileyo, amagqabi awomileyo okanye iindiza ezoneleyo zokogquma wonke umhlaba ongaphandle.
Imifuno yakho ekhulayo iya kusebenzisa izondlo zomhlaba ezisemngxunyeni, ngoko ke kufuneka wengeze izivundoso egadini yakho phambi kokuba utyale imbewu entsha kwakulo mhlaba mnye.
